Umpoposho Ngomzila ka Loliwe

19 February 2008

Urhulumente oxhuzula imikhala okhokhelwa ngumbutho we sizwe I African National Congress usebenzisana nabantu ekwakheni ubomi obungcono kubantu bonke beli loMzantsi Afrika.

Ekuzalisekeni esisithembiso, urhulumente we Mpuma koloni uvuselela umzila ka Loliwe odibanisa iMonti kunye neMthatha. Ukuvuselela lomzila udle urhulumente isixa semali esilinganiswa kwikhulu kunye neshumi elinesixhenxe lezigidi zeranti (R117 million). Lemvuselelo yalomzila ilindeleke ukuba iqinise amathuba ezoqoqosho kwingingqi yephesheya kwenciba.

Amatikiti ayakuthengiswa kwezizikhululo zikaloliwe zilandelayo; iMonti, Amabele, Qumrha, Gcuwa kunye naseMthatha. Amatikiti ayakuxabisa amashumi amathathu eranti (R30), ukusuka eMonti ukuya eMthatha.

Ukhuseleko lwabahambi ngololiwe luyakuqinisekiswa ngampolisa kaloliwe. Uloliwe uyakuqala ukusebenza ngomhla wokuqala kuMathsi.

Thina singamlungu e ANC siyakuthi gqolo sisebenzisana nabantu ekwakheni ubomi obungcono apho khona wonke ubani eyakungcamla khona singejongebala lamntu.

Ndiyabulela.

For more information contact:
Beauty N Dambuza
Housing Committee Whip
021 403 2648