Statement by Phumizile Bhengu on learner career guidance

19 August 2008

Ingcebiso ezinikwa abafundi kunye nolwakhiwo lwezakhono ihleli ingundoqo ukuphucula uqoqosho lwelizwe lethu. Urhulumente oxhuzula imikhala okhokhelwa ngumbutho wesizwe iAfrican National Congress uyakuthi ugcangcathe kwindlela enokuphucula ngayo ubomi babantu.

Isebe Lezemisebenzi libambisene nesebe Lezemfundo kutsha nje athe ahambela isithili saseMbizana, injongo zohambo ibe kukucebisa abafundi bebanga lethoba kunye neleshumi malunga nezakhono abanokuthi bazixhobise ngazo emfundweni.

Ukusweleka kwengcebiso kulutsha lwethu ilukhokhelela ekwenzeni izigqibo ezingayi kulunceda kakhulu ekwakheni ikamva labo.

Abahlali ngokubanzi nabo baye bamenywa lisebe lezemisebenzi, injongo ikukucacisa banzi imfanelo zabaphangeli kunye nabenzakala emisebenzini.

Thina singumbutho wesizwe siyalithakazelela eliphulo elenziwe ngalamasebe mabini kwaye sikhuthaza namanye amasebe karhulumente azeke mzekweni.

Ndiyabulela

Phumzile Bhengu
Tel: 021 403 3024